17/12/2025
Isikolo Sivaliwe, ! Zii BIG DAYS
Njengoko unyaka usondela esiphelweni, sifuna ukuthumela umbulelelo ongazenzisiyo kwisapho lethu lwasi Kiddies Day Care Centre.
Kubantwana bethu: Nina ningamaqhawe. Enkosi ngokuzalisa iintliziyo zethu ngoncumo. Sibulelele ngokuba krele krele nangobubele. Hambani niyokuphumla, ndidlale kanobom… nibe nekhefu neholide emyoli.
Kubazali bethu: Ningabadlali ababaluleke kakhulu ebomini babantwana benu. Siyawubona umsebenzi wenu, nentliziyo eniyifakayo. Sinethemba lokuba kule holide, nizakuphumla ngokwaneleyo.
Singabasebenzi baseKiddies Day Care Centre, sininqwenelela ixesha lefestive ezolileyo nemyoli.